INGABA YINTONI IREJISTA YOKUKHUSELA UMNTWANA?
Irejista yokuKhusela umNtwana yenza uluhlu lwabantwana abanokwenzakala abangaphantsi kweminyaka eli-18, abafuna ukhuseleko. Irejista igcinwe ngunontlalontle ngaphakthi kwiSebe loPhuhliso lwezeNtlalontle lasekuhlaleni. Ulwazi oluqulathwe kwiRejista lihlebo elingqongqo kwaye kungabelwana ngalo kuphela kunye nabo benza inxenye yeqela eliKhusela umNtwana (umzekelo: utitshala / umongikazi / ugqirha / unontllalontle / umkhathaleli / igosa elilipolisa / umantyi, njl-njl)
Ukugcina uluhlu lwabantwana abanokwenzakala abafuna iinkonzo zomsebenzi wentlalo.
Ukudibanisa umntwana nosapho lwakhe ngokukhawuleza kunontlalontle (umboneleli).
Ukongamela ityala ngalinye ukuqinisekisa ukuba ubulunga beenkonzo buyanikezelwa emntwaneni nakusapho.
NGUBANI OMAKANIKE INGXELO XA KUNINI/PHI?
Ngoko Mthetho oKhathalela umNtwana (No. 74 ka-1983) ababantu balandelayo banobuchule banyanzelwa ukuba banike nayiphina ingxelo ekrokrisayo yokuphathwa gadalala okanye yempatho mbi.
Ugqirha wamazinyo, ugqirha, umongikazi, unontlalontle, utitshala, nawuphina umntu osebenzayo okanye olawula iKhaya labaNtwana okanye Indawo yoKhathlelo okanye iKhusi.
XA KUNINI
Ngoko nangoko impatho mbi ikrokreleka ngexesha umntwana exilongwa, ephathwa okanye encedwa, fanele ixelwe kunontlalontle apho umntwana ahlala khona.
PHI
Kwi-ofisi ekufutshane yomsebenzi wezentlalo apho umntwana ahlala khona.
Naliphina ilungu loluntu / umhlali oxhalabileyo angayichonga impatho mbi enokwenzeka okanye impatho mbi kwaye angayixela kunontlalontle. Amagama akho ayakuba yimfihlo. Kufuneka uqhelane noku kulandelayo:
Ukuchonga iinkcukacha zomntwana
Ukuchonga iinkcukacha zabazali ngokwebhayoloji /abakhathaleli
Idilesi yalapho umntwana ahlala khona ngoku kwaye nokuba akakho phambi komzali, idilesi yabazali.
Imihla neentlobo zeziganeko.
Iingcaciso zeenkcukacha ezibangela ukrokrelo.
Ingaba kukhona imbali yeziganeko ezigqithileyo.
Ingaba kukho inkcukacha zonxibelelwano zabanye abantu abanokungqina uthatho njengempatho mbi.
Kubalulekile ukuba unontlalontle abenazo iinkcukacha zakho zonxibelelwano kwifayile khon'ukuze akwazi ukulandela iinkcukacha ezithile kunye nawe.
IINDIDI ZEMPATHO MBI
Impatho mbi ngokuchukumisayo: Ingathabatha indlela yokusilela ukuhlangabezana neemfuno zomntwana eluthandweni, kwinyameko, ekukhuthazweni okanye kwimpatho mbi yokusoloko ungxoliswa, ukulahlwa, izisongelo zobugebenga okanye imizamo yokoyikisa umntwana.
Ukungakhathaleli: Ukusilela okuzingisayo ukukhusela umntwana ekungakhuselekini engozini, engqeleni, kwindlala, nasekungenzini imbonakalo yenkathalo ebalulekileyo, njl-njl.
KWENZEKA NTONI EMVENI KOKUBA INGXELO IFAYILISHIWE
Unontlalontle uza kundwendwela umntwana nosapho ukumisela ukuba umntwana ukwimfuno yokukhathalelwa nokukhuselwa.
Umntwana unokucelwa afuduke, kwiimeko apho umntu owonyelisayo nomntwana behlala ndaweni nye. Xa ngaba lento ayinakwenzeka, umntwana angahlala nommelwane, umhlobo, isihlobo okanye kwindawo yokhuseleko okwethutyana.
INGABA ABANTWANA BASOLOKO BESHENXISWA KWINTSAPHO ZABO, XA UXELA ISIHLO?
Akunjalo, kuphela kuxa ubomi bomntwana busengozini. Inqobo yokugcina umntwana nosapho lwakhe kangangoko ixatyisiwe. Kuthatho lwezigqibo, owona mdla ungcono womntwana iyakuba ngowongamelayo. Iintsapho nabantwana yinxenye yaso nasuphina isigqibo esenziwayo kwimeko yabo.
INGABA AMALUNGELO ABAZALI AYACHUKUMISEKA YIREJISTA YOKUKHUSELA ABANTWANA?
Akunjalo, ubhaliso ngokunokwalo aluchukumisi mfanelo zisemthethweni zomntwana kubazali okanye abakhathaleli. Ichukumisa kuphela ukuba inyathelo lomthetho fanele lithatyathwe (umzekelo: ukushenxiswa komntwana).
Umnxeba ngokuphathelele kwezabantwana: 0800 05 55 55
Umnxeba wethuba lokuxakeka wamapolisa: 10111
Uphuhliso lwezeNtlalontle: 0800 60 10 11
Isebe loPhuhliso lwezeNtlalontle
Unyaka woSapho weziZwe
